Kungafi, Ukungafi Khangela kanjalo Hlawulela, Ntlawulelo; Mzimba onokufa; Sindiso; Vuko; Yesu Krestu Imeko yokuphila ngonaphakade kwimo yokuba sekuvusweni, engekho phantsi kokufa kwasenyameni. Uvukile, Marko 16:6. Ngokunjalo kuKrestu baya kudliswa ubomi bonke, â… Â Kor. 15:22. Ukufa kufinciwe xa lo mzimba unokufa uya kwambatha ukungafi, â… Â Kor. 15:53–54. UKrestu ukubhangisile ukufa wazisa ukungafi, â…¡Â Tim. 1:10. Ukungafi kukubuyiselwa komoya emzimbeni, 2 Nif. 9:13. Oomoya badibane nemizimba yabo baze babe nokungafi, bangaze baphinde bafe kwakhona, Alma 11:45. Abathembekileyo baya kuthweswa isithsaba sokungafi nobomi obungunaphakade, I&M 75:5. Umhlaba uya kungcwaliswa uze ungafi, I&M 77:1 (I&M 130:9). Umsebenzi kaThixo nozuko kukwenza ukungafi nobomi obungunaphakade bomntu, Moses 1:39.