Loyiko Khangela kanjalo Khaliphileyo, Nkalipho; Kholo; Nzolo Ukoyika kunako ukuba neentsingiselo ezimbini: (1) ukoyika uThixo kukuva inzolo noloyiko ngenxa Yakhe nokuthobela imiyalelo Yakhe; (2) ukoyika umntu, iingozi ezinokufa, intlungu, nobubi kukoyika izinto ezinjalo nokuzinkwantyela. Ukoyika uThixo Akukho kanye ukoyika uThixo kule ndawo, Gen. 20:11. Uze uyoyike iNkosi uThixo wakho, Dut. 6:13 (Yosh. 24:14; â… Â Sam. 12:24). Mkhonzeni iNkosi nisoyika, IiNd. 2:11. Ingqalo yobulumko kukoyika iNkosi, IiNd. 111:10. Yoyika iNkosi usuke entweni embi, ImiZ. 3:7. Kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo, INtsh. 8:12. Lusebenzeni olwenu usindiso ninokuzoyikela nokungcangcazela, Fil. 2:12. Moyikeni uThixo, nize nimzukise, Isityh. 14:7 (I&M 88:104). Abaprofeti babashukumisa rhoqo abantu ukubagcina benoloyiko lweNkosi, Enoshe 1:23. UAlma noonyana bakaMozaya bawela emhlabeni, ngenxa yokuba ukoyika iNkosi kweza phezu kwabo, Alma 36:7. Lusubenzeni usindiso lwenu ngoloyiko nonkwantyo, Morm. 9:27. Abo bangandoyikiyo, ndiya kuba phazamisa ndize ndibenze bangcangcazele, I&M 10:56. Lowo undoyikayo uya kukhangela imiqondiso yokuza koNyana woMntu, I&M 45:39. Uloyiko lomntu Musa ukoyika, kuba ndinawe, Gen. 26:24 (Isaya 41:10). INkosi inathi: musani ukuboyika, Num. 14:9. Musani ukoyika: ngokuba baninzi abangakuthi, â…¡Â OoKum. 6:16. Andiyi koyika inokundenza ntoni na inyama, IiNd. 56:4. Musani ukoyika ukungcikiva kwabafo, Isaya 51:7 (2 Nif. 8:7). UThixo akasinikanga moya wobugwala, â…¡Â Tim. 1:7. Uthando olugqibeleleyo luluphose phandle uloyiko, â… Â Yoh. 4:18 (Moro. 8:16). Oonyana bakaHilamani abazange bakoyike ukufa, Alma 56:46–48. Uloyiko lokufa luzalisa izifuba zabakhohlakeleyo, Morm. 6:7. Andoyiki nto anokuthi umntu ayenze, Moro. 8:16. Animele koyika mntu ngaphezu kunoThixo, I&M 3:7 (I&M 30:1, 11; 122:9). Ningoyiki ukwenza okulungileyo, I&M 6:33. Nabanina ongowebandla lam akuyomfuneko ukuba oyike, I&M 10:55. Ukuba nizilungiselele anisayi koyika, I&M 38:30. Zihlubeni ekoyikeni, I&M 67:10. Yomelalani, kwaye musani ukoyika, kuba mna iNkosi ndinani, I&M 68:6. Ningazoyiki iintshaba zenu, I&M 136:17.