Kungcola Khangela kanjalo Nyelisa, Sinyeliso Ukungahloniphi okanye ukudelela izinto ezingcwele; ingakumbi, ukungabi nantlonelo ngegama likaThixo. Uze ungafumane ulibize igama leNkosi uThixo wakho, Eks. 20:7 (2 Nif. 26:32; Moz. 13:15; I&M 136:21). Yini na ukuba siwungcolise umnqophiso woobawo bethu, Mal. 2:10. Onke amazwi angewani abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo, Mat. 12:34–37. Kwa kulo mlomo mnye kuphuma intsikelelo nengqalekiso, ekungafanele ukuba kunjalo, Yak. 3:10. Amazwi ethu aya kusigweba, Alma 12:14 (Moz. 4:30). Vumelani bonke abantu balumke ukuba balithatha njani na igama lam emilebeni yabo, I&M 63:61–62.