Ekuthinjweni Khangela kanjalo Khulula, Khululiweyo, Nkululeko Ukuba sebukhobokeni basenyameni okanye obasemoyeni. Indlu kaSirayeli yaya ekuthinjweni ngenxa yobugwenxa babo, Hez. 39:23. Lowo ukhokelela ekuthinjweni uya kuya ekuthinjweni, Isityh. 13:10. Abakhohlakeleyo baya kuthotyelwa ezantsi ekuthinjweni ngumtyholi, 1 Nif. 14:4, 7. Abantu lukhululekile ukukhetha inkululeko nobomi obungunaphakade okanye ukuthinjwa nokufa, 2 Nif. 2:27. Intando yenyama inika umoya womtyholi amandla okuthimba, 2 Nif. 2:29. Ingaba nizigcine ngokwaneleyo kwiinkumbulo zokuthinjwa kooyihlo, Alma 5:5–6. Abo baziqaqadekisayo iintliziyo zabo bathatyathelwa ekuthinjweni ngumtyholi, Alma 12:11. Lindani kwaye nithandaze rhoqo, hleze nihendwe ngumtyholi, kwaye nikhokelelwe kude ekuthinjweni nguye, 3 Nif. 18:15.