Mgaqo Khangela kanjalo Vangeli Isiseko semfundiso, inyaniso, okanye umthetho. Imigaqo yokuqala yevangeli lukholo eNkosini uYesu Krestu nenguquko (V zoK 1:4). Singayishiyi imigaqo yemfundiso kaKrestu, masiqhubeleni ekugqibeleleni, GJS, Heb. 6:1. Abadala, ababingeleli, nootishala baya kufundisa imigaqo yevangeli, ekuzo izibhalo, I&M 42:12. Yibani ngabayalelwe ngokugqibelele ngakumbi emgaqweni, kwimfundiso, ezintweni zonke, I&M 88:78 (I&M 97:14). Wonke umntu abe nokwenza ngokwemfundiso nomgaqo ngokunxulumene nelungelo lokuzikhethela elilungileyo endilinike yena, I&M 101:78. Nayiphina inqobo yengqiqo esiyizuzayo kobu bomi iya kuvuka kunye nathi eluvukweni, I&M 130:18–19.