Uncedo lweZifundo
Yosefu, unyana kaYakobi


Yosefu, unyana kaYakobi

KwiTestamente eNdala, ngunyana wamazibulo kaYakobi noRakeli (Gen. 30:22–24; 37:3).

UYosefu wafumana ilungelo ngokuzalwa kwaSirayeli ngenxa yokuba uRubhen, unyana wamazibulo womfazi wokuqala kaYakobi, walilahla ilungelo elikhethekileyo ngokona (Ⅰ IziKr. 5:1–2). Ngenxa yokuba wayefanelekile, uYosefu, njengonyana wamazibulo womfazi wesibini kaYakobi, wayengolandelayo kuludwe lwentsikelelo. UYosefu kanjalo wafumana intsikelelo evela kuyise kufutshane nje phambi kokuba afe uYakobi (Gen. 49:22–26).

UYosefu wayeyindoda enesimilo esikhulu, oyedwa “onengqiqo nolumkileyo” (Gen. 41:39). Ukwala umfazi kaPotifare ngumzekelo wokholo, nobunyulu, nemfezeko yomntu (Gen. 39:7–12). EYiputa, xa uYosefu watyhila ukuba ungubani ngokwenene kubantakwabo, wababulela endaweni yokubasola ngendlela abamphatha ngayo. Wakholelwa ekubeni izenzo zabo zathi zamnceda ekuphumeleliseni intando kaThixo enyulu (Gen. 45:4–15).

Isityhilelo semihla yokugqibela sityhila umsebenzi wasapho lukaYosefu omkhulu ngakumbi kule mihla yokugqibela (GJS, Gen. 50:24–38 [Isihlomelo]; 2 Nif. 3:3–24; 3 Nif. 20:25–27).

Shicilela