Misebenzi Izenzo zomntu, nokuba zilungile okanye azilunganga. Umntu ngamnye uya kugwetywa ngemisebenzi eyiyeyakhe. INkosi iya kubuyisela kuye wonke umntu ngokwemisebenzi yakhe, ImiZ. 24:12. Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, Mat. 5:16 (3 Nif. 12:16). Ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo oya kungena ebukumkanini bamazulu, Mat. 7:21. Ukholo olungenamisebenzi lufile, Yak. 2:14–26. Bamele ukugwetywa ngemisebenzi yabo, 1 Nif. 15:32 (Moz. 3:24). Siyazi ukuba kungobabalo ukuba sibe sisindisiwe, emva kwako konke esinako ukukwenza, 2 Nif. 25:23. Bafundiseni ukuba bangaze badinwe yimisebenzi elungileyo, Alma 37:34. Kuyimfuneko ukuba abantu babe baya kugwetywa ngokwemisebenzi yabo, Alma 41:3. Ngemisebenzi yabo niya kubazi, Moro. 7:5 (I&M 18:38). Mna, iNkosi, ndiya kugweba bonke abantu ngokwemisebenzi yabo, I&M 137:9.