Uncedo lweZifundo
Luka


Luka

Umbhali weVangeli kaLuka nencwadi yeZenzo kwiTestamente eNtsha neqabane lasebufundisini likaPawulos. Wayezelwe ngabazali abangamaGrike kwaye engugqirha wamayeza (Kol. 4:14). ULuka wayefunde kakhulu. Wazazisa njengeqabane kuMpostile uPawulos xa wadibana noPawulos eTrowa (Izenzo 16:10–11). ULuka kanjalo wayekunye noPawulos eFilipi kuhambo lukaPawulos lokugqibela ukuya eYerusalem (Izenzo 20:6), kwaye ababini babekunye kwada kwaba kukufika kwabo eRoma. ULuka kanjalo wayekunye noPawulos ngethuba lokuvalelwa kwakhe okwesibini eRoma (Ⅱ Tim. 4:11). Isithethe sithi wafa ngofelo-nkolo.

IVangeli kaLuka

Ingxelo uLuka awayibhala ngoYesu Krestu nobufundisi Bakhe bomzimba onokufa. Incwadi yeZenzo zaBapostile luqhubekeko lweVangeli kaLuka. ULuka washiya ingxelo ebhalwe kakuhle yobufundisi bukaYesu, esazisa uYesu njengoMsindisi wamaYuda kunye noweeNtlanga. Wabhala kakhulu ngeemfundiso zikaYesu nezenzo Zakhe. KuLuka sifumana kuphela iingxelo zotyelelo lukaGabriyeli kuZekariya noMariya (Luka 1); utyelelo lwabelusi kusana uYesu (Luka 2:8–18); uYesu etempileni kwiminyaka elishumi elinesibini (Luka 2:41–52); abangamashumi asixhenxe bamiselwa baza bathunywa (Luka 10:1–24); uYesu wabila igazi (Luka 22:44); ingxoxo kaYesu nesela emnqamlezweni (Luka 23:39–43); noYesu esidla intlanzi nobusi emva koVuko Lwakhe (Luka 24:42–43).

Uluhlu lweziganeko kubomi boMsindisi oluchazwe kwiVangeli kaLuka, khangela kuNgqinelwano lweeVangeli kwisihlomelo.