Uncedo lweZifundo
Bubingeleli buka-Aron


Bubingeleli buka-Aron

Ububingeleli obunganeno (Heb. 7:11–12; I&M 107:13–14). Iiofisi zabo zingoo bhishophu, mbingeleli, titshala, nomdikoni (I&M 84:30; 107:10, 14–15, 87–88). Mandulo, phantsi komthetho kaMoses, kwakukho ababingeleli abakhulu, ababingeleli, nabaLevi. Ngenxa yokuba amaSirayeli amandulo avukela uThixo, uMoses nobubingeleli obungcwele bahluthwa kuwo baze uBubingeleli obunganeno baqhubekeka. Athi ala ukungcwaliswa ukuze afumane uBubingeleli bukaMelkitsedeke nemimiselo yabo. (Khangela I&M 84:23–26.) UBubingeleli buka-Aron busebenza imimiselo yomzuzwana neyangaphandle yomthetho nevangeli (Ⅰ IziKr. 23:27–32; I&M 84:26–27; 107:20). Buphatha izitshixo zolungiselelo lweengelosi, zevangeli yenguquko, nezobhaptizo (I&M 13) UBubingeleli buka-Aron babuyiselwa emhlabeni kweli xesha lokuzihlanganisela ngowe-Meyi 15, 1829. UYohane uMbhaptizi wabunikela kuJoseph Smith no-Oliver Cowdery kufutshane eHarmony, ePennsylvania (I&M 13; M—JS 1:68–73).