Msebenzi wobufundisi Khangela kanjalo Shumayela; Vangeli Ukwaba ivangeli kaYesu Krestu ngelizwi nangomzekelo. Hayi ukuba zintle kwazo ezintabeni iinyawo zabo bavakalisa usindiso, Isaya 52:7. Ndiya kuwukhathalela kunye umhlambi wam ndize ndiwuvelele, Hez. 34:11. Shumayelani ivangeli kuso sonke isidalwa, Marko 16:15 (Morm. 9:22). Intsimi ivuthiwe ilungele ukuvunwa, Yoh. 4:35. Kwaye baya kushumayela njani, ngaphandle kokuba bathunyiwe, Rom. 10:15. Bafundiseni ilizwi likaThixo ngayo yonke inkathalo, Yakobi 1:19. INkosi inika kuzo zonke izizwe ukuba zilifundise ilizwi lakhe, Alma 29:8. Ivangeli ibe ibhengeziwe ngababuthathaka nabaqhelekileyo, I&M 1:23. Umsebenzi omangalisayo kufutshane nje uza ngaphambili, I&M 4:1. Ukuba nisebenzisa yonke imihla yenu kwaye nizise umphefumlo omnye kum, luya kuba lukhulu kangakanani uvuyo lwenu, I&M 18:15. Abanyulwa bam bayaliva ilizwi lam baze bangaziqaqadekisi iintliziyo zabo, I&M 29:7. Yiyani ngaphambili nibhengeze ivangeli, ngababini ngababini, I&M 42:6. Isandi simele ukuya ngaphambili ukusuka kule ndawo, I&M 58:64. Vulani imilomo yenu ekubhengezeni ivangeli yam, I&M 71:1. Bhengezani inyaniso ngokunxulumene nezityhilelo nemiyalelo, I&M 75:4. Wonke umntu olunyukisiweyo umele alumkise ummelwane wakhe, I&M 88:81 (I&M 38:40–41). INkosi iya kubonelela iintsapho zabo bashumayela ivangeli, I&M 118:3. Izicaka zikaThixo ziya kuya ngaphambili, I&M 133:38. Abadala abathembekileyo, xa besimka kubomi bomzimba onokufa, baqhubekekisa imisebenzi yabo, I&M 138:57.