Uncedo lweZifundo
Petros


Petros

KwiTestamente eNtsha, uPetros ekuqaleni wayesaziwa njengoSimiyon okanye uSimon (Ⅱ Petr. 1:1), umlobi weentlanzi waseBhetesayida ehlala eKapernahum nomfazi wakhe. UYesu waphilisa umkhwekazi kaPetros (Marko 1:29–31). UPetros wabizwa kunye nomzalwana wakhe uAndreya abe ngomfundi kaYesu Krestu (Mat. 4:18–22; Marko 1:16–18; Luka 5:1–11). Igama lakhe lesiAram, uKefas, lithetha “imboni” okanye “ilitye,” lalinikwe yena yiNkosi (Yoh. 1:40–42; GJS, Yoh. 1:42 [Isihlomelo]). Ngexesha iTestamente eNtsha ikhankanya obunye bobuthathaka bukaPetros bomzimba onokufa, kanjalo icacisa ukuba wazoyisa kwaye wenziwa womelela ngokholo lwakhe kuYesu Krestu.

UPetros wavuma ukuba uYesu wayenguKrestu noNyana kaThixo (Yoh. 6:68–69), kwaye iNkosi yanyula yena ekuphatheni izitshixo zobukumkani emhlabeni (Mat. 16:13–19). ENtabeni yoKwenziwa kuMila Kumbi, uPetros wabona uMsindisi owenziwe kumila kumbi, kunye noMoses noEliyasi (Eliya) (Mat. 17:1–9).

UPetros wayenguMpostile oyintloko wemihla yakhe. Emva kokufa, noVuko, noNyuko loMsindisi, wabiza iBandla lihlangane kwaye wakhokela ubizo loMpostile ukuvala indawo kaYuda Sikariyoti (Izenzo 1:15–26). UPetros noYohane baphilisa indoda eyayisisiqhwala kwasekuzalweni (Izenzo 3:1–16) kwaye bakhululwa ngokumangalisayo entolongweni (Izenzo 5:11–29; 12:1–19). Kwakungobufundisi bukaPetros ukuze ivangeli ivulwe okokuqala kuzo iiNtlanga (Izenzo 10–11). Kwimihla yokugqibela, uPetros, noYakobi, noYohane, beza bevela ezulwini baza banikela uBubingeleli bukaMelkitsedeke nezitshixo zabo phezu koJoseph Smith no-Oliver Cowdery (I&M 27:12–13; 128:20).

Incwadi yokuqala kaPetros

Incwadi yokuqala kaPetros yayibhalwe “eBhabhilon” (mhlawumbi eRoma) kwaye yayithunyelwe kwabaNgcwele ekuthiwa ngoku yiAsiya Mayina kamisinyane emva kokuba uNero waqalisa ukutshutshisa amaKrestu.

Isahluko 1 sithetha ngendima yokumiselwa kwangaphambili kukaKrestu njengoMkhululi. Izahluko 2–3 zichaza ukuba uKrestu lilitye lembombo eliyintloko leBandla, abaNgcwele baphatha ububingeleli obubalaseleyo, nokokuba uKrestu washumayela koomoya entologweni. Izahluko 4–5 zichaza ukuba kutheni ivangeli ishunyayelwa kwabafileyo nokuba kutheni abadala bemele ukondla umhlambi.

Incwadi yesibini kaPetros

Isahluko 1 sivuselela abaNgcwele ekwenzeni ubizo lwabo nonyulo luqiniseke. Isahluko 2 silumkisa ngokuchasene nootishala bobuxoki. Isahluko 3 sithetha ngemihla yokugqibela nokuBuya kweSibini kukaKrestu.

Shicilela