Miyalelo kaThixo Khangela kanjalo Lizwi likaThixo; Mithetho, eliShumi; Mthetho; Ntobeko, Thobekileyo, Thobela; Sono Imithetho neemfuneko uThixo azinikayo eluntwini, nokuba ngoyedwa okanye ngokuqukeneyo. Ukugcina imiyalelo kuya kuzisa iintsikelelo zeNkosi kwabathobekileyo (I&M 130:21). UNowa wenza ngokwako konke uThixo amyalele kona, Gen. 6:22. Hambani emimiselweni yam, kwaye nigcine imiyalelo yam, Lev. 26:3. Gcina imiyalelo yam, uze uphile, ImiZ. 4:4 (ImiZ. 7:2). Ukuba uyandithanda, gcina imiyalelo yam, Yoh. 14:15 (I&M 42:29). Nantonina esiyicelayo, siyamkela kuye, ngokuba sigcina imiyalelo yakhe, â… Â Yoh. 3:22. Imiyalelo yakhe ayinzima, â… Â Yoh. 5:3. Ungashenxi ekugcineni imiyalelo, 1Â Nif. 2:10. INkosi ayiniki miyalelo ingabalungiselelanga indlela, 1Â Nif. 3:7. Kufuneka ndenze ngokwemiyalelo engqongqo kaThixo, Yakobi 2:10. Kangangokuba niya kuyigcina imiyalelo yam, niya kuphumelela elizweni, Yaromi 1:9 (Alma 9:13; 50:20). Funda ebutsheni bakho ukuyigcina imiyalelo kaThixo, Alma 37:35. Le miyalelo yeyam, I&M 1:24. Phengululani le miyalelo, I&M 1:37. Abo bangayigciniyo imiyalelo abanako ukusindiswa, I&M 18:46 (I&M 25:15; 56:2). Imiyalelo yam yeyasemoyeni; ayiyiyo eyasendalweni okanye eyasenyameni, I&M 29:35. Imiyalelo inikwe ukuze sibe nokuqonda intando yeNkosi, I&M 82:8. Andazi, ngaphandle kokuba iNkosi indiyalele, Moses 5:6. INkosi iya kuvavanya abantu ukuze ibone ukuba baya kuyenza na yonke imiyalelo ebayalele yona, Abr. 3:25.