Nebhukadenetsare
KwiTestamente eNdala, ngukumkani waseBhabhilon (604–561 P.K.) owoyisa uYuda (Ⅱ OoKum. 24:1–4) waza wangqinga iYerusalem (Ⅱ OoKum. 24:10–11). Umprofeti uLihayi wayalelwa ekubeni asabe eYerusalem malunga nama-600 P.K. ukuzisindisa ekubeni athathwe abe ngumthinjwa eBhabhilon (1 Nif. 1:4–13) xa uNebhukadenetsare wathabathela kude uKumkani uZedekiya nabantu (Ⅱ OoKum. 25:1, 8–16, 20–22). UDaniyeli watyhila amaphupha kaNebhukadenetsare (Dan. 2; 4).