Aron, umkhuluwa kaMoses Khangela kanjalo Bubingeleli buka-Aron; Moses KwiTestamente eNdala, unyana ka-Amram noYokebhede, wesizwe sikaLevi (Eks. 6:16–20); umkhuluwa kaMoses omdala ngakumbi (Eks. 7:7). Wayonyulwe yiNkosi ancedise uMoses ekuziseni abantwana bakaSirayeli ngaphandle kweYiputa aze abe ngumlomo wakhe, Eks. 4:10–16, 27–31; 5:1–12:51. ENtabeni yeSinayi, uMoses wafumana imiyalelo ngokonyulwa kuka-Aron noonyana bakhe abane eBubingelelini buka-Aron, Eks. 28:1–4. Wenza ithole legolide ngesicelo sabantu, Eks. 32:1–6, 21, 24, 35. Wafela eNtabeni yeHore eminyaka ili-123, Num. 20:22–29 (Num. 33:38–39). INkosi yanikela ububingeleli kanjalo phezu koAron nembewu yakhe, I&M 84:18, 26–27, 30. Abo balukhulisayo ubizo lobubingeleli baba ngoonyana bakaMoses nabaka-Aron, I&M 84:33–34.