Cela Khangela kanjalo Mthandazo Ukuphanda, ukubuza, okanye ukubongoza uThixo ngesazelelelo esikhethekileyo. Celani, nophiwa, Mat. 7:7. Ukuba ke ubani uswele ubulumko, makacele uThixo, EkaYakobi 1:5 (M—JS 1:7–20). Celani kum ngokholo, 1 Nif. 15:11. Ukuba aninako ukuwaqonda la mazwi, kuya kuba kungenxa yokuba aniceli, 2 Nif. 32:4. Celani ngokunyaniseka kwentliziyo, Moz. 4:10. UThixo uyaninika nantoni na eniyicelayo elungileyo, nikholelwa, Moz. 4:21. Buzani kuThixo ezi zinto ukuba aziyonyani kusini na, Moro. 10:4. Bathanda ubumnyama kunokukhanya; ke ngoko, abasayi kucela kum, I&M 10:21. Niyalelwe kuzo zonke izinto nicele kuThixo, I&M 46:7.