Gula, Sigulo Ukuba nesigulo okanye isifo. Kwizibhalo, ukugula kwasenyameni ngamanye amaxesha kusebenza njengomqondiso wokuswela ukuba sempilweni ngokwasemoyeni (Isaya 1:4–7; 33:24). Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho: qaphela, ndiya kukuphilisa, Ⅱ OoKum. 20:1–5 (Ⅱ IziKr. 32:24; Isaya 38:1–5). UYesu wahamba ephilisa zonke iintlobo zobulwelwe nalo lonke uhlobo lwesifo, Mat. 4:23–24 (1 Nif. 11:31; Moz. 3:5–6). Abo baphilileyo abafuni gqirha, kodwa lifuneka kwabagulayo, Mat. 9:10–13 (Marko 2:14–17; Luka 5:27–32). Kukho mntu ugulayo na phakathi kwenu? makabizele kuye abadala, Yak. 5:14–15. UKrestu uya kuthabathela phezu kwakhe iintlungu nezigulo zabantu bakhe, Alma 7:10–12. UYesu waphilisa yonke imilwelwe phakathi kwamaNifayithi, 3 Nif. 26:15. Yondlani abagulayo ngobubele, amayeza, nokutya okuthambileyo, I&M 42:43 (Alma 46:40). Khumbulani ezintweni zonke abagulayo nababandezelekileyo, I&M 52:40. Bekani izandla phezu kwemilwelwe, kwaye iya kuphila, I&M 66:9.