Uncedo lweZifundo
Dan


Dan

KwiTestamente eNdala, unyana kaYakobi noBhiliha, umkhonzazana kaRakeli (Gen. 30:5–6).

Isizwe sikaDan

Intsikelelo kaYakobi kuDan, khangela kwiGenesis 49:16–18. Intsikelelo kaMoses kwisizwe sikaDan, khangela Duteronomi 33:22. Emva kokuzinza eKanan, isizwe sikaDan safumana isiqwengana esincinane somhlaba kodwa esichume ngokugqithisileyo (Yosh. 19:40–48). Baba nobunzima obukhulu bokuwukhusela kuma-Amori (AbaG. 1:34) nakumaFilisti (AbaG. 13:2, 25; 18:1). Kangangokuba, amaDan afudukela emantla ePalestina (AbaG. 18), kufuphi eLayishe, aze asithiya kwakhona eso sixeko ngokuba yiDan. Le dolophu yaziwa kakhulu njengomda wasemntla ePalestina, owawunabe “ukusukela kwaDan kuye kwanaseBhershebha.”

Shicilela