Uncedo lweZifundo
Omnayi


Omnayi

Umgcini weembali wamaNifayithi kwiNcwadi kaMormoni owabhala malunga nama-361 P.K. (Yaromi 1:15; Omn. 1:1–3).

Incwadi kaOmnayi

Incwadi eguqulelwe ivela emacwecweni amancinane kaNifayi kwiNcwadi kaMormoni. Incwadi inesahluko esinye kuphela, esiqulathe ingxelo yeemfazwe phakathi kwamaNifayithi namaLeymenayithi. UOmnayi wabhala kuphela iivesi zokuqala ezintathu zencwadi. Amacwecwe ngoko adluliselwa ngokulandelelanayo kuAmaroni, uKhemishi, Abhinadom, noAmalekayi. UAmalekayi wawanikezela amacwecwe kuKumkani uBhenjamin, ukumkani waseZarahemla.