Gweba, Mgwebo Khangela kanjalo Kugwetywa; Mgwebo, wokuGqibela; Yesu Krestu—Gweba Ukuvavanya umkhwa ngokunxulumene nemigaqo yevangeli; ukugqiba; ukucalula okulungileyo kokubi. UMoses wahlala aze agwebe abantu, Eks. 18:13. Uya kumgweba ngobulungisa ummelwane wakho, Lev. 19:15. Musani ukugweba, ukuze nani ningagwetywa, Mat. 7:1 (GJS, Mat. 7:1–2; Luka 6:37; 3 Nif. 14:1). Njengokuba abaninzi bathe bona emthethweni baya kugwetywa ngomthetho, Rom. 2:12. AbaNgcwele baya kugweba ihlabathi, â… Â Kor. 6:2–3. UNyana kaThixo ongenasiphelo wagwetywa lihlabathi, 1 Nif. 11:32. ABapostile abaLishumi elineSibini beMvana baya kugweba izizwe ezilishumi elinesibini zikaSirayeli, 1 Nif. 12:9 (I&M 29:12). Ukufa, isihogo, umtyholi, nabo bonke abo babanjwe ngezo zinto bamele ukugwetywa, 2 Nif. 28:23 (1 Nif. 15:33). Ukuba nigweba umntu obeka isicelo sakhe kuni sezinto, kuya kulunga kangakanani na ukugweba kwenu ekubandezeni izinto zenu, Moz. 4:22. Abantu baya kugwetywa ngokwemisebenzi yabo, Alma 41:3. Gweba ngobulungisa, kwaye buya kuthi ubulungisa bubuyiselwe kuwe kwakhona, Alma 41:14. Ezincwadini eziya kubhalwa ihlabathi liya kugwetywa, 3 Nif. 27:23–26 (Isityh. 20:12). Intsalela yaba bantu iya kugwetywa ngabalishumi elinesibini uYesu abanyulileyo kweli lizwe, Morm. 3:18–20. UMormoni wachaza indlela yokugweba okulungileyo kokubi, Moro. 7:14–18. Beka ithemba lakho kuloo Moya ukhokelela ekugwebeni ngobulungisa, I&M 11:12. Nifanele ukuthi ezintliziyweni zenu—uThixo makagwebe phakathi kwam nawe, I&M 64:11. IBandla leNkosi liya kugweba izizwe, I&M 64:37–38. UNyana wandwendwela oomoya entolongweni ukuze babe nokugwetywa ngokwabantu besenyameni, I&M 76:73 (â… Â Petr. 4:6). Ubhishophu uya kuba ngumgwebi oqhelekileyo, I&M 107:72–74. INkosi iya kugweba bonke abantu ngokwemisebenzi yabo, ngokweminqweno yeentliziyo zabo, I&M 137:9.