Lungiselelo lwemilwelwe (lwabagulayo) Khangela kanjalo Bubingeleli; Iimpiliso, Philisa; Oli; Thambisa; Zandla, kubekwa kwe Intsikelelo enikwa imilwelwe ngamadoda aphethe uBubingeleli bukaMelkitsedeke, bubandakanye usetyenziso lweoli engcwalisiweyo. Beka isandla sakho phezu kwayo, Mat. 9:18. UYesu wabeka izandla zakhe phezu kwemilwelwe embalwa waza wayiphilisa, Marko 6:5. UMpostile kaKrestu wathambisa abaninzi abebeyimilwelwe kwaye wayiphilisa, Marko 6:13. Abadala bamele ukuthambisa baze baphilise imilwelwe, Yak. 5:14–15. Anisayi kuphilisa imilwelwe ngaphandle kokuba kube kufunwe kuni yileyo inqwenelayo, I&M 24:13–14. Abadala baya kubeka izandla zabo phezu kwemilwelwe, I&M 42:44. Beka izandla zakho phezu kwemilwelwe, yaye iya kuphila, I&M 66:9.