Bekekileyo Khangela kanjalo Mbeko; Nzolo Ukucingela othile okanye into ethile njengefanelekileyo nenexabiso, ingakumbi kwisakhelo sevangeli. Udeliwe, kwaye thina asambeka, Isaya 53:3–4. Loo nto ibekelwe phezulu phakathi kwabantu ilisikizi emehlweni kaThixo, Luka 16:15. Elowo makabekele abanye ekuthini bongamele kunabo, Fil. 2:3. INkosi iyibalela ntweni nye yonke inyama, 1 Nif. 17:35. Wonke umntu makathabathe ummelwane wakhe njengaye, Moz. 27:4 (I&M 38:24–25). Kuyo imini yoxolo lwabo bayithatha lula ingcebiso yam, I&M 101:8.