Bhayibhile
Ingqokelela yemibhalo yesiHebhere neyobuKrestu equlathe izityhilelo ezinyulu. Igama bhayibhile lithetha “iincwadi”. IBhayibhile ngumsebenzi wabaprofeti abaninzi nababhali abaphenjelelweyo besebenza phantsi kwempembelelo yoMoya oyiNgcwele (Ⅱ Petr. 1:21).
IBhayibhile yamaKrestu inamacandelo amabini, aziwa ngokuqhelekileyo njengeTestamente eNdala neNtsha. ITestamente eNdala iqulathe iincwadi zezibhalo ezazisetyenziswa phakathi kwamaYuda asePalestina ngexesha lobufundisi basenyameni beNkosi. ITestamente eNtsha iqulathe imibhalo eyiyeyeminyaka yaBapostile yaye ithathwa njengokuba inobungcwele obufanayo negunya njengezibhalo zamaYuda. Iincwadi zeTestamente eNdala zithathwe kuncwadi lwesizwe olunabele ngaphezu kweenkulungwane ezininzi kwaye zazibhalwe phantse ngokupheleleyo ngesiHebhere, ekubeni iincwadi zeTestamente eNtsha zingumsebenzi wesizukulwana esinye yaye zazibhalwe ingakumbi ngesiGrike.
KwiTestamente eNdala igama testamente limele igama lesiHebhere elithetha “umnqophiso”. UMnqophiso oMdala ngumthetho owawunikwe uMoses xa amaSirayeli aba ukuzalisekiswa kwevangeli abantu bakaThixo ababenayo ukususela ekuqalekeni kwenyama. UMnqophiso oMtsha yivangeli njengoko yafundiswa nguYesu Krestu.
KwiBhayibhile yesiHebhere (iTestamente eNdala) iincwadi zazahlulwa-hlulwe zangamaqela amathathu: uMthetho, aBaprofeti, neMibhalo. IBhayibhile esetyenziswa lilizwelamaKrestu yahlula-hlula iincwadi ngokwemixholo yezihloko, enjenge yembali, eyokubonga, neyokuprofetha.
Iincwadi zeTestamente eNtsha zilolu hlobo jikelele: iiVangeli ezine neZenzo; iincwadi zikaPawulos; iincwadi jikelele zikaYakobi, uPetros, uYohane, noYuda; neZityhilelo zikaYohane.
IBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela lihlonipha kwaye linika imbeko iBhayibhile lize kanjalo lingqine ukuba iNkosi iqhubeka inika isityhilelo ngabaprofeti Bayo ngemihla yokugqibela esixhasa nesiqinisekisa ingxelo yezibhalo yokusebenza kukaThixo noluntu.