Bantwana bakaKrestu Khangela kanjalo Kuzalwa kwakhona, Kuzalwa nguThixo; Oonyana neentombi zikaThixo; Ozelweyo; Yesu Krestu Abo bamkele ivangeli kaYesu Krestu. Nabani na oya kuzithoba njengalo mntwana mncinane nguye omkhulu kunabanye, Mat. 18:1–4. Kholwani kulo ukhanyiso ukuze nibe ngabantwana bokhanyiso, Yoh. 12:36. Bekani kude umntu wemvelo nibe njengabantwana, Moz. 3:19; 27:25–26. Ngenxa yomnqophiso niya kubizwa ngokuba ningabantwana bakaKrestu, Moz. 5:7. Ukuba niya kubambelela kuyo yonke into elungileyo, ngokuqinisekileyo niya kuba ngabantwana bakaKrestu, Moro. 7:19. Njengokuba abaninzi bandamkeleyo, ndabanika amandla okuba ngoonyana bam, I&M 39:4. Ningoyiki bantwana abancinane, kuba ningabam, I&M 50:40–41. Wena umnye kum, unyana kaThixo, Moses 6:68.