Lwimi, sipho see Khangela kanjalo Lwimi/Ntetho; Zipho zomoya Isipho soMoya oyiNgcwele esivumela ababodwa baphembeleleke ekuthetheni, ngokuqonda okanye ngokutolika iilwimi ezingaqhelekanga. Sikholelwa kwisipho zeelwimi (V zoK 1:7). Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baza baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, Izenzo 2:4. Lowo uthetha ngalwimi lumbi akathethi bantwini, kodwa uthetha kuThixo, â… Â Kor. 14:1–5, 27–28. Iilwimi zikho ukuba zibe ngumqondiso kwabo bangakholwayo, â… Â Kor. 14:22–28. Ngoko kufika ubhaptizo lomlilo loMoya oyiNgcwele; nize ke nibe nokuthetha ngolwimi lweengelosi, 2 Nif. 31:13–14. UAmalekayi wayelela bonke abantu bakholelwe kwisipho sokuthetha ngeelwimi, Omn. 1:25. Kunikiwe kwabanye ukuthetha ngeelwimi; nakwabanye ukutolika iilwimi, I&M 46:24–25 (â… Â Kor. 12:10; Moro. 10:8, 15–16). Isipho seelwimi masithululwe, I&M 109:36.