Ntiyo, Thiya Khangela kanjalo Butshaba; Mpindezelo; Thando Ukuthiya kukungathandi okukhulu othile okanye into. Mna, Thixo ndibuvelela ubugwenxa booyise ebantwaneni babo bandithiyileyo, Eks. 20:5. Ezi zinto zintandathu izithiyile iNkosi, ImiZ. 6:16. Umntu osisiyatha udele unina, ImiZ. 15:20. Udeliwe kwaye kwaye ushiyiwe ngabantu, Isaya 53:3. Benzelani okulungileyo abo banithiyayo, Mat. 5:44. Uya kuyithiya le, aze ayithande leya; athi mhlawumbi eya kubambelela kule, aze ayidele leya, Mat. 6:24. Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam, Mat. 10:22. Bonke abenza okubi bayaluthiya ukhanyiso, Yoh. 3:20. Makungabikho mntu ubudelayo ubuncinane bakho, â… Â Tim. 4:12. Ngenxa yokuba bezizityebi, bawathiyile amahlwempu, 2 Nif. 9:30. Ningazideli izityhilelo zikaThixo, Yakobi 4:8. Babe nentiyo engunaphakade kuthi, Yakobi 7:24. Abantu bazimisele ukuphuthisa iingcebiso zikaThixo, baze bawadele amazwi akhe, I&M 3:7. Ndandithiyiwe kwaye nditshutshiselwa ukuthi okokuba ndathi ndawubona umbono, M—JS 1:25.