Uncedo lweZifundo
IGenesis


IGenesis

Incwadi yeGenesis yincwadi yokuqala yeTestamente eNdala kwaye yayibhalwe ngumprofeti uMoses. Inika ingxelo yeziqalo ezininzi, ezinjengendalo yomhlaba, ukubekwa kwezilwanyana nabantu emhlabeni, uKuwa kuka-Adam noEva, ukutyhilwa kwevangeli kuAdam, ukuqaleka kweentlanga nezizwe, ukuqaleka kweelwimi ezahlukahlukeneyo eBhabheli, nokuqaleka kosapho luka-Abraham likhokelela ekumisweni kwendlu kaSirayeli. Indima kaYosefu njengomlondolozi kaSirayeli iyagxininiswa kwiGenesis.

Isityhilelo semihla yokugqibela siyaqinisekiswa kwaye sicacisa imbali yeGenesis (1 Nif. 5; Etere 1; Moses 1–8; Abr. 1–5).

Kwincwadi yeGenesis, izahluko 1–4 zibalisa indalo yehlabathi nokukhula kosapho luka-Adam. Izahluko 5–10 zibhala imbali kaNowa. Izahluko 11–20 zibalisa ngoAbraham nosapho lwakhe ukunyuka kuye kwixesha likaIsake. Izahluko 21–35 zilandela usapho lukaIsake. Isahluko 36 sibalisa ngoEsawu nosapho lwakhe. Izahluko 37–50 zibalisa ngosapho lukaYakobi zize zinike ingxelo ngoYosefu ethengiselwa eYiputa nendima yakhe ekusindiseni indlu kaSirayeli.