Lizwe lesithembiso Amazwe iNkosi ewathembisa njengelifa kubalandeli Bayo abathembekileyo, kananjalo rhoqo kwiinzala zabo. Kukho amazwe amaninzi esithembiso. Rhoqo kwiNcwadi kaMormoni, ilizwe lesithembiso ekuthethwe ngalo yiAmerika. Ndiya kunika imbewu yakho eli lizwe, Gen. 12:7 (Abr. 2:19). Ndiya kukunika nembewu yakho ilizwe laseKanan, Gen. 17:8 (Gen. 28:13). UMoses wabalulela imida yelizwe uSirayeli eKanan, Num. 34:1–12 (Num. 27:12). Niya kukhokelelwa elizweni lesithembiso, 1 Nif. 2:20 (1 Nif. 5:5). INkosi ibakhokela abangamalungisa kumazwe axabisekileyo, 1 Nif. 17:38. Ukuba inzala kaLihayi zigcina imiyalelo kaThixo, ziya kuphumelela kwilizwe lesithembiso, 2 Nif. 1:5–9. USirayeli uya kubuyela kumazwe abo esithembiso, 2 Nif. 24:1–2 (Isaya 14:1–2). Nasiphina isizwe esiya kulawula eli lizwe lesithembiso simele ukukhonza uThixo, okanye simele ukutshayelwa, Etere 2:9–12. Eli lilizwe lesithembiso, nendawo yesixeko seZiyon, I&M 57:2. UYuda unokuqala ukubuyela emazweni ka-Abraham, I&M 109:64. IYerusalem eNtsha iya kwakhiwa phezu kwelizwekazi laseAmerika, V zoK 1:10.