Mthi wobomi Khangela kanjalo Eden Ngumthi oseMyezweni wase-Eden neparadesi kaThixo (Gen. 2:9; Isityh. 2:7). Kwiphupha likaLihayi umthi wobomi umele uthando lukaThixo kwaye kubhekiswa kuwo njengesona sikhulu sazo zonke izipho zikaThixo (1 Nif. 8; 11:21–22, 25; 15:36). Iikerubhi nelangatye lekrele eligcina indlela eya emthini wobomi, Gen. 3:24 (Alma 12:21–23; 42:2–6). UYohane wabona umthi wobomi, namagqabi anamandla okuphilisa iintlanga, Isityh. 22:2. ULihayi wabona umthi wobomi, 1 Nif. 8:10–35. UNifayi wabona umthi uyise awawubonayo, 1 Nif. 11:8–9. Intsimbi yesinyithi ikhokelela kumthi wobomi, 1 Nif. 11:25 (1 Nif. 15:22–24). Umsantsa owoyikekayo wahlule abakhohlakeleyo kumthi wobomi, 1 Nif. 15:28, 36. Kwakuyimfuneko okokuba kubekho isiqhamo esalelweyo ngokuchasene nomthi wobomi, 2 Nif. 2:15. Yizani eNkosini nize nidle kwiziqhamo zomthi wobomi, Alma 5:34, 62. Ukuba abazali bethu bokuqala babethe badla kuwo umthi wobomi, babeya kuxhwaleka ngonaphakade, Alma 12:26. Ukuba akuyi kulondla ilizwi, awungekhe uzikhe iziqhamo zomthi wobomi, Alma 32:40. INkosi yatyala umthi wobomi esazulwini somyezo, Moses 3:9 (Abr. 5:9). UThixo wathuma uAdam asuke e-Eden hleze adle kuwo umthi wobomi aze aphile ngonaphakade, Moses 4:28–31.