Uncedo lweZifundo
Elisha


Elisha

Umprofeti weTestamente eNdala woBukumkani baseNtla bakwaSirayeli nomcebisi othenjiweyo ngookumkani beloo lizwe.

UElisha wayenesimilo esinobulali nobubele, engenayo laa nzondelelo ivuthayo inkosi yakhe, uEliya, awayesahluka ngayo. Imimangaliso yakhe eqaphelekayo (Ⅱ OoKum. 2–5; 8) ungqina ukuba ngokwenene wawafumana amandla kaEliya xa walandela uEliya njengomprofeti (Ⅱ OoKum. 2:9–12). Umzekelo, waphilisa amanzi omthombo okrakra, wahlula amanzi oMlambo iYordan, wandisa ioli yomhlolokazi, wavusa inkwenkwe ekufeni, waphilisa indoda eyayineqhenqa, wenza izembe lentsimbi lidade, kwaye wabetha ama-Aram ngobumfama (Ⅱ OoKum. 2–6). Ubufundisi bakhe bahlala ngaphezu kwamashumi amahlanu eminyaka ngethuba lolawulo lukaYehoram, uYehu, uYehowahazi, noYowashe.