Mzimba onokufa Khangela kanjalo Hlabathi/Lizwe; Kufa, kwasenyameni; Kuwa kuka-Adam noEva; Mzimba Lixesha ukususela ekuzalweni kude kuye ekufeni kwenyama. Eli kuthiwa ngamanye amaxesha yimo yesibini. Kuba mhlana wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo, Gen. 2:16–17 (Moses 3:16–17). Ekufeni umoya uya kubuyela kuThixo uze umzimba eluthulini lomhlaba, INtsh. 12:7 (Gen. 3:19; Moses 4:25). Isono masingalawuli emzimbeni wenu onokufa, Rom. 6:12. Lo mzimba unokufa umele ukwambatha ukungafi, â… Â Kor. 15:53 (Enoshe 1:27; Moz. 16:10; Morm. 6:21). Imo yomntu yaba yimo yobulingwa, 2 Nif. 2:21 (Alma 12:24; 42:10). UAdam wawa ukuze abantu babekho, 2 Nif. 2:25. Ingaba nikhangela phambili nize nibone lo mzimba unokufa uphakanyiselwa ekungafini, Alma 5:15. Obu bomi lilixa lokulungiselela ukuhlangana noThixo, Alma 34:32. Ningoyiki ukufa, kuba uvuyo lwenu aluzelanga kweli hlabathi, I&M 101:36. Abo bayigcinayo imo yabo yesibini baya kuba nozuko, Abr. 3:26.