Yurim neTumim
Izixhobo ezilungiswe nguThixo ekuncedeni umntu ekuzuzeni izityhilelo nasekuguquleni iilwimi. Kulwimi lwesiHebhere la magama athetha “izibane nezigqibelelisi.” IYurim neTumim zinamatye amabini abekwe kwizakhelo zesilivere ngamanye amaxesha zisetyenziswa nesigcina-sifuba (I&M 17:1; M—JS 1:35, 42, 52). Lo mhlaba uya kuba yiYurim neTumim enkulu kwimo yawo yongcwaliso nengenako ukufa (I&M 130:6–9).