Yohane uMbhaptizi Khangela kanjalo Bubingeleli buka-Aron; Eliyasi Ngunyana kaZekariya noElizabhete kwiTestamente eNtsha. UYohane wathunywa ukuba alungise abantu bafumane uMesiya (Yoh. 1:19–27). Waphatha izitshixo zoBubingeleli buka-Aron waza wabhaptiza uYesu Krestu. UIsaya nabanye baprofetha ngomsebenzi kaYohane, Isaya 40:3 (Mal. 3:1; 1 Nif. 10:7–10; 2 Nif. 31:4). Wafakwa entolongweni waza wanqunyulwa intloko, Mat. 14:3–12 (Marko 6:17–29). UGabriyeli wavakalisa ukuzalwa kukaYohane nobufundisi kuZekariya, Luka 1:5–25. UYesu wafundisa ukuba uYohane uMbhaptizi wayengumprofeti omkhulu, Luka 7:24–28. Wamqonda uYesu njengoNyana kaThixo, Yoh. 1:29–34. Abafundi bakaYohane baba ngabafundi bakaYesu, Yoh. 1:25–29, 35–42 (Izenzo 1:21–22). Akazange enze mimangaliso, Yoh. 10:41. Njengesiqu esivusiweyo, wathunywa aze amisele uJoseph Smith no-Oliver Cowdery kuBubingeleli buka-Aron, I&M 13 (I&M 27:7–8; M—JS 1:68–72). Wayemiselwe yingelosi xa wayeneminyaka esibhozo ubudala, I&M 84:28.