Nyulu Khangela kanjalo Cocekileyo nengacocekanga; Ngcwaliso Ukukhululeka esonweni okanye etyaleni; ukungabi natyala. Umntu uba nyulu xa iingcinga zakhe nezenzo zicoceke kwiindlela zonke. Umntu owenze isono unako ukuba nyulu ngokholo kuYesu Krestu, inguquko, nokufumana imimiselo yevangeli. Lowo unezandla ezicocekileyo nentliziyo enyulu uya kufumana iintsikelelo zeNkosi, IiNd. 24:3–5. Yibani ngabacocekileyo, nina nithwala iimpahla zeNkosi, Isaya 52:11 (I&M 133:4–5). Banoyolo abanyulu iintliziyo, Mat. 5:8 (3 Nif. 12:8). Naziphina izinto ezinyulu, zithelelekeni ezo zinto, Fil. 4:8 (V zoK 1:13). Adam noEva ngako oko babeya kuhlala kwimo yobunyulu, 2 Nif. 2:23. Nonke nina bantliziyo zinyulu, ziphakamiseni iintloko zenu nize namkele ilizwi elikholisayo likaThixo, Yakobi 3:2–3. Ingaba ninganako na ukukhangela phezulu kuThixo ngaloo mhla ngentliziyo enyulu nezandla ezicocekileyo, Alma 5:19. Bengabanyulu nokungabi nachaphaza phambi koThixo, babengenako ukujongana nesono ngaphandle kube kungentiyo, Alma 13:12. Igazi labanyulu liya kuma njengobungqina, Alma 14:11. Nibe ngabanyulu nanjengokuba uKrestu enyulu, Moro. 7:48 (Morm. 9:6). UKrestu uya kuzigcinela abantu abanyulu, I&M 43:14. Wonke umoya womntu wawunyulu ekuqalekeni, I&M 93:38. INkosi yayalela ukuba indlu yakhiwe eZiyon abanyulu abaya kubona uThixo kuyo, I&M 97:10–17. Le yiZiyon—abanyulu ezintliziyweni, I&M 97:21. Abanyulu abanakugwetywa kunye nabangemalungisa, I&M 104:7. UJoseph noHyrum Smith babenyulu kulo naluphina ulwaphulo-mthetho, I&M 135:6–7. Abantwana baphilile ukususela esisekweni somhlaba, Moses 6:54.