Ziyon
Abantliziyo inyulu (I&M 97:21). IZiyon kanjalo ithetha indawo apho abanentliziyo enyulu bahlala khona. Isixeko esakhiwa nguEnoki nabantu bakhe esathi ekugqibeleni sathatyathelwa emazulwini ngenxa yobulungisa sathiywa iZiyon (I&M 38:4; Moses 7:18–21, 69). Kwimihla yokugqibela isixeko ekuthiwa yiZiyon siya kwakhiwa kufutshane neJackson Khawunti, eMissouri (uMdibaniso waMazwe aseAmerika), apho izizwe zikaSirayeli ziya kuhlangana (I&M 103:11–22; 133:18). AbaNgcwele bacetyiswa ekubeni bakhe iZiyon naphina apho bahlala khona ehlabathini.