Uncedo lweZifundo
Smith, Joseph, Omnci.


Smith, Joseph, Omnci.

Ngumprofeti owayenyulelwe ukubuyisela iBandla likaYesu Krestu eliyinene emhlabeni. UJoseph Smith wazalelwa kwisteyiti saseVermont kuMdibaniso waMazwe ase-Amerika kwaye waphila ukususela kowe-1805 kuye kowe-1844.

Ngowe-1820, UThixo uYise noYesu Krestu babonakala kuJoseph, kwaye wafunda okokuba kwakungekho laliyinene emaBandleni emhlabeni (M—JS 1:1–20). Kamva watyelelwa yingelosi uMoronayi, owatyhila indawo yokufihla yamacwecwe egolide awayequlethe imbali yabantu bamandulo kwilizwekazi laseAmerika (M—JS 1:29–54).

UJoseph waguqula amacwecwe egolide kwaye ngowe-1830 wawapapasha njengeNcwadi kaMormoni (M—JS 1:66–67, 75). Ngowe-1829, wafumana igunya lobubingeleli elivela kuYohane uMbhaptizi nolivela kuPetros, uYakobi, noYohane (I&M 13; 27:12; 128:20; M—JS 1:68–70).

Njengoko wayekhokelwa nguThixo, ngoAprili 6, 1830, uJoseph nabanye abahlukahlukeneyo babuyisela iBandla likaYesu Krestu (I&M 20:1–4). Phantsi kobunkokeli bukaJoseph, iBandla lakhula eCanada, Engilane, nakwinxenye yoMdibaniso weZiteyiti esempumalanga, ingakumbi eOhio, Missouri, neIllinois. Intshutshiso emandla yalandela uJoseph nabaNgcwele naphina apho babehlala khona. NgoJuni 27, 1844, uJoseph nomkhuluwa wakhe uHyrum babulawelwa inkolo eCarthage, Illinois, kuMdibaniso weZiteyiti zaseAmerika.

Isibhalo saziswa ngaphambili nguMprofeti uJoseph Smith

UJoseph waguqula iinxenye zamacwecwe egolide awayewanikwe yingelosi uMoronayi, uguqulelo olwapapashwa ngowe-1830 njengeNcwadi kaMormoni. Kanjalo wafumana izityhilelo ezininzi ezivela eNkosini ezicinezela iimfundiso ezisisiseko nokumisa iBandla. Ezininzi zezi zityhilelo zaziqokelelwe koko kwaziwa namhlanje njengeMfundiso neMinqophiso. Kanjalo wayenoxanduva lokuzisa ngaphambili iPerile yeXabiso eliKhulu, equlathe uguqulelo oluphanjelelweyo lweminye imibhalo kaMoses, uAbraham, noMateyu, izicatshulwa ezuvela kwimbali eyiyeyakhe nobungqina, neengxelo zemfundiso nenkolo ezilishumi elinesithathu eziphethwe liBandla.

Shicilela