Uncedo lweZifundo
Etere


Etere

Umprofeti wokugqibela wamaYeredayithi kwiNcwadi kaMormoni (Etere 12:1–2).

Incwadi kaEtere

Incwadi kwiNcwadi kaMormoni equlathe iinxenye zembali yamaYeredayithi. AmaYeredayithi ayeliqela labantu ababehlala kwisiqingatha somhlaba sasentshonalanga kumakhulu-khulu amaninzi eminyaka phambi kwabantu bakaLihayi. Incwadi kaEtere yayithatyathwe kumacwecwe angamashumi amabini anesine afunyanwa ngabantu bakaLimhayi (Moz. 8:8–9).

Izahluko 1–2 zixela ukuba amaYerede emka njani emakhayeni awo ngexesha leNcopho yaseBhabheli aza aqala uhambo lawo ukuya apho kwaziwa ngoku njengelizwekazi laseAmerika. Izahluko 3–6 zichaza ukuba umntakwabo Yerede wabona uMsindisi kubomi bangaphambili nokokuba amaYeredyithi ahamba ngezikhephe ezincinane ezikhaphukhaphu ezisibhozo. Izahluko 7–11 ziqhubekekisa imbali yenkohlakalo eyalawula ubukhulu bembali yamaYeredayithi. UMoronayi, owahlela imbali kaEtere, wabhala kwizahluko 12–13 ngemimangaliso eyenziwa ngokholo nangoKrestu neYerusalem eNtsha ezayo. Izahluko 14–15 zixela ukuba amaYeredayithi aba sisizwe esinamandlakazi njani kodwa atshatyalaliswa yimfazwe yobukhaya ngenxa yenkohlakalo.

Shicilela