Biza, Bizo, Bizwe nguThixo Khangela kanjalo Bugosa, Gosa; Gunya; Khetha, Khethiwe, Wakhetha; Khethiweyo; Misela, Ummiselo Ukubizwa nguThixo kukufumana ulonyulo okanye isimemo esivela Kuye okanye iinkokeli Zakhe ezifanelekileyo ezigunyaziswe liBandla ekubeni asebenzele Yena ngendlela ethile. Wabeka izandla zakhe phezu kwakhe waza wamisela umthetho, Num. 27:23. Ndakumisa waba ngumprofeti, Yer. 1:5. Ndaninyula ndaze ndanimisela, Yoh. 15:16. UPawulos wabizwa abe nguMpostile, Rom. 1:1. Akukho mntu uzithabathela mbeko ngokwakhe, kodwa ke ngulowo ubizwe nguThixo, Heb. 5:4. UYesu wabizwa nguThixo ngokohlobo lukaMelkitsedeke, Heb. 5:10. Ndiye ndabizwa ukuba ndishumayele ilizwi likaThixo ngokomoya wesityhilelo nowesiprofetho, Alma 8:24. Ababingeleli abakhulu babizwa kwaye babelungiswe ukususela kwisiseko sehlabathi, Alma 13:3. Ukuba nineminqweno yokukhonza uThixo, nibiziwe, I&M 4:3. Yima nkqo emsebenzini kuwo kanye endikubizele wona, I&M 9:14. Akufanele uthelekelelwe okokuba ubizelwe ukushumayela ude ube ubiziwe, I&M 11:15. Abadala babizelwe ukwenza intlanganisela yabanyulwa, I&M 29:7. Akuyi kunikwa nakubani na ashumayele ivangeli yam okanye akhe iBandla lam ngaphandle kokuba umiselwe, I&M 42:11. Baninzi ababiziweyo, kodwa bambalwa abanyuliweyo, I&M 121:34. Umntu kufuneka abizwe nguThixo, VÂ zoK 1:5.