Zuko Khangela kanjalo Khanyiso, Khanyiso lukaKrestu; Maqondo obuqaqawuli; Nyaniso Kwizibhalo, uzuko rhoqo lubhekiswa ekukhanyeni kukaThixo nenyaniso. Kanjalo linokubhekisa ekudumiseni okanye ukubeka nakuyo imeko ethile yobomi obungunaphakade okanye kubuqaqawuli bukaThixo. Ingcwele iNkosi yemikhosi: buzalise umhlaba wonke ubuqaqawuli bayo, Isaya 6:3 (2 Nif. 16:3). Senziwa similise okwaloo mfanekiso sivela ebuqaqawulini sisinge ebuqaqawulini, Ⅱ Kor. 3:18. Uya kundiphakamisa ukuze ndihlale naye ebuqaqawulini, Alma 36:28. Ubuqaqawuli obazuzwa kulo uvuko buya kwahluka ngokwasebulungiseni, I&M 76:50–119. Ubuqaqawuli bukaThixo yingqiqo, I&M 93:36. Uzuko lukaThixo kukwenza kubekho ukungafi nobomi obungunaphakade bomntu, Moses 1:39. Ndabona iZiqu ezibini, ezikukhanya kwazo nozuko kudela konke ukuchazwa, M—JS 1:17.