Mprofeti
Umntu othe wabizwa aze athethele uThixo. Njengesigidimi sikaThixo, umprofeti ufumana imiyalelo, iziprofetho, nezityhilelo kuThixo. Uxanduva lwakhe kukwenza kwazeke intando kaThixo nesimilo sakhe senene eluntwini nokubonisa intsingiselo yeendlela Zakhe asebenza ngazo nabo. Umprofeti uchaza isono aze axele ngaphambili iziphumo zaso. Ungumshumayeli wobulungisa. Ngamanye amaxesha, abaprofeti banokuphenjelelwa baxele ngaphambili ixesha elizayo ngenxa yokunceda uluntu. Uxanduva lwakhe lokuqala, nangona kunjalo, kukunika ubungqina ngoKrestu. UMongameli weBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela nguMprofeti kaThixo emhlabeni namhlanje. Amalungu oBumongameli boKuqala naBapostile abaLishumi elineSibini axhaswa njengabaprofeti, iimboni, nabatyhili.