Hamba, Hamba noThixo Khangela kanjalo Bulungisa, Lungileyo; Ndlela; Ntobeko, Thobekileyo, Thobela Ukuba nemvisiswano neemfundiso zikaThixo nokuphila njengoko uThixo ebeya kuthanda abantu Bakhe baphile; balungele ukwamkela nokuthobela iimpembelelo zoMoya oyiNgcwele. Ndibe nokubalinga, ukuba baya kuhamba ngomthetho wam, okanye abayi kuhamba ngawo sini na, Eks. 16:4. Akukho nto ilungileyo iya kubavimba abahamba ngokugqibeleleyo, IiNd. 84:11. Abo bahamba ngemimiselo yam baze bagcine imimiselo yam baya kuba ngabantu bam, Hez. 11:20–21 (Dut. 8:6). Yintoni iNkosi ekufunayo kuni ke kukuba nihambe ngokuthobekileyo noThixo, Mika 6:8 (I&M 11:12). Hamba ekukhanyeni, njengokuba uThixo esekukhanyeni, â… Â Yoh. 1:7 (â…¡Â Yoh. 1:6; Ⅲ Yoh. 1:4; 4 Nif. 1:12). Hamba endleleni ethe tye ekhokelela ebomini, 2 Nif. 33:9. UKumkani uBhenjamin wahamba nesazela esimsulwa phambi koThixo, Moz. 2:27. Umsebenzi wenu kukuhamba ningenatyala emva kohlobo olungcwele lukaThixo, Alma 7:22. Amalungu eBandla aya kubonakalisa uhambo lobuthixo nencoko, I&M 20:69. Nikani inyameko umprofeti nize nihambe kubo bonke ubungcwele phambi kweNkosi, I&M 21:4. Fundisani abantwana ukuthandaza nize nihambe ngokuthe tye phambi kweNkosi, I&M 68:28. Hlalani kum, nam kuni; ke ngoko hambani kunye nam, Moses 6:34.