Uncedo lweZifundo
Bagwebi, iNcwadi ya


Bagwebi, iNcwadi ya

Incwadi ekwiTestamente eNdala. Incwadi yaBagwebi ithetha ngamaSirayeli ukususela ekufeni kukaYoshuwa kuye ekuzalweni kukaSamuweli.

Izahluko 1–3 ziyintshayelelo encwadini yaBagwebi iyonke. Zichaza oko ngenxa yokuba amaSirayeli akazange aqhubele ngaphandle iintshaba zawo (AbaG. 1:16–35), amaSirayeli amele ukuva ubunzima ngeziphumo: ukulahla ukholo, imitshato nabangakholwayo, nonqulo zithixo. Izahluko 4–5 zibalisa amava kaDebhora noBharaki, owahlangula uSirayeli kumaKanan. Izahluko 6–8 zingamava anyusa ukholo lukaGidiyon, iNkosi eyamsikelelayo ukuze ahlangule uSirayeli kumaMidiyan. Izahluko 9–12, amadoda aliqela awahlukeneyo akhonza njengabagwebi kwaSirayeli ngethuba lexesha olona ninzi lwamaSirayeli lwaluselukreqweni kwaye ayelawulwa ngabalawuli basemzini. Izahluko 13–16 zibalisa ukuphakama nokuwa komgwebi wokugqibela, uSamson. Izahluko zokugqibela, 17–21, zinako ukuchazwa njengesihlomelo esityhila iinzulu zezono zikaSirayeli.