Ntliziyo eyaphukileyo Khangela kanjalo Bulali, Lulama; Dini; Guquka, Inguquko; Ntliziyo; Ntobeko, Thobekileyo, Thobela Ukuba nentliziyo eyaphukileyo kukuthobeka, utyumke, uguquke, uze ululame—oko kukuthi ulungele ukwamkela intando kaThixo. Ndihleli notyumkileyo nonomoya othobekileyo, Isaya 57:15. UKrestu wazinikelela abo banentliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo, 2 Nif. 2:7. Nikelani ngedini eNkosini intliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo, 3 Nif. 9:20 (I&M 59:8). Ngaphandle kwabo baneentliziyo ezaphukileyo noomoya abatyumkileyo bamkelwa elubhaptizweni, Moro. 6:2. UYesu wabethelelwa emnqamlezweni ngenxa yoxolelo lwezono kwintliziyo etyumkileyo, I&M 21:9. Onomoya otyumkileyo wamkelekile, I&M 52:15. UMoya oyiNgcwele uthenjiswe abo batyumkileyo, I&M 55:3. UMoya wam uthunyelwe ngaphambili ukukhanyisela abathobekileyo, I&M 136:33.