Uncedo lweZifundo
Sityhilelo sikaYohane


Sityhilelo sikaYohane

Yincwadi yokugqibela kwiTestamente eNtsha, equlathe isityhilelo esinikwe uMpostile uYohane. Wayevunyelwe ukubona imbali yehlabathi, ingakumbi imihla yokugqibela (Isityh. 1:1–2; 1 Nif. 14:18–27; I&M 77). IsiTyhilelo sikaYohane kanjalo saziwa njengeApokalipse.

UYohane wafumana esi sityhilelo ngomhla weNkosi esiqithini sasePatmos (Isityh. 1:9–10), kude nenxweme laseAsiya, kungekude ukusuka e-Efese. Umhla ochanekileyo wesityhilelo awaziwa.

Izitshixo zokuqonda incwadi zibandakanywe ku 1 Nifayi 14:18–27 nakwi IMfundiso neMinqophiso 77 (Etere 4:15–16)

Izahluko 1–3 ziyintshayelelo yencwadi neeleta ezisixhenxe eziya kumabandla asixhenxe eAsiya. UYohane wabhala iileta ukunceda abaNgcwele basombulule iinkathazo ezithile. Izahluko 4–5 zibalisa imibono uYohane awayifumanayo ebonisa ubungangamisha namandla alungileyo kaThixo noKrestu. Kwizahluko 6–9, 11, uYohane wabhala ukubona incwadi etywiniweyo enamatywina asixhenxe, itywina ngalinye limele iminyaka eliwaka yembali yomhlaba yexeshana. Ezi zahluko zihambisana kakhulu neziganeko ezaziqulathwe kwitywina lesixhenxe (khangela Isityh. 8–9; 11:1–15). Isahluko 10 sichaza incwadi uYohane awayidlayo. Incwadi imele umsebenzi wexesha elizayo aya kuwenza. Isahluko 12 sibhala umbono wobubi owaqala emazulwini xa uSathana wavukela waza waphoselwa ngaphandle. Imfazwe eyaqala apho iqhubeka isiliwa emhlabeni. Kwizahluko 13, 17–19, uYohane wachaza izikumkani ezikhohlakeleyo zasemhlabeni ezalawulwa nguSathana kwaye zibhale ngelishwa lazo, zibandakanya nentshabalalo yokugqibela yobubi. Izahluko 14–16 zichaza ubulungisa babaNgcwele esazulwini sobubi kanye phambi kokuBuya kweSibini kukaKrestu. Izahluko 20–22 zichaza iMileniyam, isixeko esihle seYerusalem eNtsha, neziganeko zokugqibela zembali yomhlaba.