Amayelenqe afihlakeleyo Khangela kanjalo Baphangi bakaGadiyantoni; Kayin Umbutho wabantu ozibophelele kunye ngesifungo sokwenza iinjongo ezimbi zeqela. Uyise wobuxoki uvuselela abantwana babantu kumayelenqe afihlakeleyo, 2 Nif. 9:9. Kumele nditshabalalise imisebenzi efihlakeleyo yobumnyama, 2 Nif. 10:15. Izigwebo zikaThixo zaye zafika phezu kwabo basebenzi bamayelenqe afihlakeleyo, Alma 37:30. UGadiyantoni waye wayibonakalisa phantse intshabalalo epheleleyo yabantu bakaNifayi, Hil. 2:4–13. USathana ubeka ezintliziyweni zabantu ukuyila izifungo ezifihlakeleyo neminqophiso, Hil. 6:21–31. INkosi ayisebenzi kumayelenqe afihlakeleyo, Etere 8:19. Izizwe ezixhasa amayelenqe afihlakeleyo ziya kutshatyalaliswa, Etere 8:22–23. Baye bawala onke amazwi abaprofeti, ngenxa yombutho ofihlakeleyo, Etere 11:22. Ukususela kwimihla kaKayin, kwakukho iyelenqe elifihlakeleyo, Moses 5:51.