Uncedo lweZifundo
Perile yeXabiso eliKhulu


Perile yeXabiso eliKhulu

Ubukumkani bukaThixo emhlabeni bufanekiswa neperile “yexabiso elikhulu” (Mat. 13:45–46).

IPerile yeXabiso eLikhulu kanjalo ligama elinikwe omnye wemiqulu emine yezibhalo ebizwa “imisebenzi esemgangathweni” yeBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Uhlelo lokuqala lwePerile yeXabiso eLikhulu lwapapashwa ngowe-1851 kwaye lwaluqulethe amanqaku athile ngoku akwiMfundiso neMinqophiso. Iintlelo ezapapashwa ukususela ngowe-1902 ziqulathe (1) izicatshulwa ezivela kuguqulelo lukaJoseph Smith lweGenesis, ekuthiwa yincwadi kaMoses, nolukaMateyu 24, ekuthiwa nguMateyu—kaJoseph Smith; (2) Uguqulelo lukaJoseph Smith lwezinye ipapirasi zaseYiputa owazifumana ngowe-1835, ekuthiwa yincwadi ka-Abraham; (3) isishwankathelo esivela kwimbali kaJoseph Smith yeBandla awayeyibhale ngowe-1838, ekuthiwa yiMbali—kaJoseph Smith; nokwe (4) iziVumo zoKholo, iingxelo zenkolelo nemfundiso ezilishumi elinesithathu.