Ndlela Khangela kanjalo Hamba, Hamba noThixo; Yesu Krestu Ngumendo okanye umgaqo olandelwa ngumntu. UYesu wathi Yena uyindlela (Yoh. 14:4–6). Gcina imithetho yeNkosi uze uhambe ezindleleni zayo, Dut. 8:6. Mfundiseni umntwana ngendlela efanele yena, ImiZ. 22:6 (2 Nif. 4:5). INkosi yathi iindlela zayo ziphakame ngakumbi kuneendlela zethu, Isaya 55:8–9. Limxinwa isango kwaye icuthene indlela esa ebomini, Mat. 7:13–14 (3 Nif. 14:13–14; 27:33; I&M 132:22, 25). UThixo uya kwenza indlela yokuphuma kwisilingo, â… Â Kor. 10:13. INkosi ayiniki miyalelo ingabalungiselelanga indlela abantwana bayo ukuba bayigcine, 1 Nif. 3:7 (1 Nif. 9:6; 17:3, 13). Ayikho enye indlela ngaphandle kokuba kungesango, 2 Nif. 9:41. Nikhululekile ukuba nizenzele—nikhethe indlela yokufa ngonaphakade okanye indlela yobomi obungunaphakade, 2 Nif. 10:23. Le yindlela kwaye ayikho enye indlela nagama, 2 Nif. 31:21 (Moz. 3:17; Alma 38:9; Hil. 5:9). Kwisipho soNyana wakhe uThixo uthe wasilungiselela indlela ebalasele ngakumbi, Etere 12:11 (â… Â Kor. 12:31). Wonke umntu uhamba endleleni eyiyeyakhe, I&M 1:16. Kumele kwenziwe ngeyeyeyam indlela, I&M 104:16.