Uncedo lweZifundo
Oli


Oli

Kuthethwa ngeoli yeminquma qho xa kukhankanywa ioli kwizibhalo. Ukususela kumaxesha eTestamente eNdala, ioli yeminquma ibisetyenziselwa amasiko etempile nomnquba, ukuthanjiswa, ukuvuthisa izibane, nokutya. Ioli yeminquma ngamanye amaxesha ingumqondiso wobunyulu nangenxa yoMoya oyiNgcwele nempembelelo yawo (Ⅰ Sam. 10:1, 6; 16:13; Isaya 61:1–3).