IDuteronomi
Incwadi yesihlanu yeTestamente eNdala.
IDuteronomi iqulathe iintshumayelo ezintathu zokugqibela zikaMoses, awazinikayo emathafeni aseMowabhi nje phambi kokuba enziwe kumila kumbi. Intshumayelo yokuqala (izahluko 1–4) ziyintshayelelo. Intshumayelo yesibini (izahluko 5–26) ziqulathe iinxenye ezimbini: (1) izahluko 5–11—imiThetho eliShumi nengcaciso eyenziweyo ngayo; (2) nezahluko 12–26—ingqokelela yemithetho, ebumba umbindi wencwadi yonke. Intshumayelo yesithathu (izahluko 27–30) ziqulatha ukuhlaziyeka okunesidima kweminqophiso phakathi koSirayeli noThixo nokwaziswa kweentsikelelo ezilandela ukuthobeka neziqalekiso ezilandela ukungathobeli. Izahluko 31–34 zichaza ukunikezelwa komthetho kubaLevi, ingoma kaMoses neentsikelelo zokugqibela, nokumka kukaMoses.