Mfazwe Khangela kanjalo Xolo Idabi okanye inkcasano ngokwezigalo; kusiliwa ngezixhobo. INkosi ivumela imfazwe kuphela njengendlela yokugqibela yabaNgcwele Bayo ekukhuseleni iintsapho zabo, ipropathi, amalungelo, amalungelo awodwa, neenkululeko (Alma 43:9, 45–47). UMoronayi wafuna ukukhusela abantu bakhe, amalungelo akhe, ilizwe lakhe, nonqulo lwakhe, Alma 48:10–17. UJoseph Smith wafumana isityhilelo nesiprofetho ngemfazwe, I&M 87. Lahlani imfazwe nize nibhengeze uxolo, I&M 98:16, 34–46. Siyakholwa ukuba abantu bavunyelwe ukuzikhusela, abahlobo babo, nepropathi, norhulumente, I&M 134:11. Sikholelwa ekuthobeleni, ekunikeni imbeko, nasekuxhasene umthetho, V zoK 1:12.