Bantwana, Mntwana Khangela kanjalo Bhaptizo lweentsana; Hlawulela, Ntlawulelo; Kuziphendulela, Phendula, Yaziphendulela; Ntsikelelo, Sikelela, Sikelelwe—Ukusikelela abantwana; Sapho; Sindiso—Usindiso lwabantwana Umntu omtsha, omnye ongekafikisi. Oobawo nomama bamele ukuqeqesha abantwana babo bathobele intando kaThixo. Abantwana abanaso isono bade babe bafikelela unyaka wokuziphendulela (Moro. 8:22; I&M 68:27). Abantwana balilifa elivela eNkosini, IiNd. 127:3–5. Mfundise umntwana ngendlela efanelekileyo, ImiZ. 22:6. Bayekeni abantwana abancinane, ningabaleli ukuza kum, Mat. 19:14. Bathobeleni abazali benu, Efese 6:1–3 (Kol. 3:20). Ngaphandle koKuwa, uAdam noEva ngebangazange babe nabantwana, 2 Nif. 2:22–23. Fundisani abantwana bahambe enyanisweni nasebungcathwini, Moz. 4:14–15. Abantwana abancinane banobomi obungunaphakade, Moz. 15:25. UYesu wabathabatha abantwana abancinane waza wabasikelela, 3 Nif. 17:21. Bonke abantwana bakho baya kufundiswa yiNkosi, kwaye luya kuba lukhulu uxolo lwabantwana bakho, 3 Nif. 22:13 (Isaya 54:13). Abantwana abancinane abanamfuneko yanguquko okanye ubhaptizo, Moro. 8:8–24. Abantwana bakhululwe ukususela esisekweni sehlabathi ngoKuphela koZelweyo wam, I&M 29:46–47. Abazali bamele ukufundisa abantwana imigaqo nezenzo zevangeli, I&M 68:25, 27–28. Abantwana bangcwele ngentlawulelo kaKrestu, I&M 74:7. Abazali bayalelwe ekukhuliseni abantwana babo elukhanyisweni nasenyanisweni, I&M 93:40. Abantwana abafa phambi kweminyaka yokuziphendulela basindisiwe kubukumkani beselestiyali, I&M 137:10.